Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:26-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina.

27. Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe.

28. Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.

29. Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.

30. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi kwam; ngokuba yayitanci kum.

31. Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli.

32. Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe.

33. Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

34. Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1