Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:23-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.

24. Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi.

25. Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu*, noEliya, nomprofeti lowo?

26. Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina.

27. Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe.

28. Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.

29. Ngengomso uYohane umbona uYesu esiza kuye, athi, Nantso iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi.

30. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi kwam; ngokuba yayitanci kum.

31. Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1