Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:22-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Ùthini na wena ngawe ngokwakho?

23. Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.

24. Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi.

25. Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu*, noEliya, nomprofeti lowo?

26. Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1