Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:20-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu.*

21. Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi.

22. Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Ùthini na wena ngawe ngokwakho?

23. Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.

24. Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi.

25. Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu*, noEliya, nomprofeti lowo?

26. Wabaphendula uYohane, esithi, Mna ndibhaptiza ngamanzi; ke phakathi kwenu kumi eningamaziyo nina.

27. Yena ngothe, esiza emva kwam nje, wesuka waba phambi kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndinyobulule umtya wembadada yakhe.

28. Ezi zinto zenzeka eBhetabhara, phesheya kweYordan, apho uYohane wayebhaptiza khona.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1