Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:16-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo.

17. Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu.

18. Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.

19. Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na?

20. Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu.*

21. Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi.

22. Bathi ngoko kuye, Ungubani na ke? ukuze sibaphendule abo basithumileyo. Ùthini na wena ngawe ngokwakho?

23. Wathi, Mna ndililizwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yityenenezeni indlela yeNkosi, njengoko watshoyo uIsaya umprofeti.

24. Baye abo babethunyiwe bengabakubo abaFarisi.

25. Bambuza bathi kuye, Ubhaptizelani na phofu, ukuba wena akunguye uKristu*, noEliya, nomprofeti lowo?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1