Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo.

2. Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo.

3. Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho.

4. Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu.

5. Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama àbaluqiqa.

6. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.

7. Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.

8. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.

9. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.

10. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.

11. Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma.

12. Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1