Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 9:25-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Basuka bamwa ngentsini. Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo.

26. Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba.

27. Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide.

28. Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi.

29. Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni.

30. Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingàziwa mntu le nto.

31. Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba.

32. Ke kaloku zakubon' ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon.

33. Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli.

34. Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.

35. Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.

36. Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 9