Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 8:25-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala!

26. Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.

27. Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?

28. Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.

29. Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uzé kusithuhumbisa na phambi kwelona xesha?

30. Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

31. Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya.

32. Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwéla elwandle; zatshabalala emanzini.

33. Bathe ke abo babezalúsa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon.

34. Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba agqithe kuloo mida yabo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 8