Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 8:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo.

25. Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala!

26. Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.

27. Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?

28. Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.

29. Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uzé kusithuhumbisa na phambi kwelona xesha?

30. Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 8