Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 8:20-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.

21. Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.

22. Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.

23. Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe.

24. Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo.

25. Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala!

26. Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.

27. Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?

28. Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 8