Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 8:17-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.(UIsaya 53:4)

18. Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya.

19. Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona.

20. Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.

21. Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.

22. Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.

23. Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe.

24. Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 8