Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 8:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

13. Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.

14. Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina.

15. Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela.

16. Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa;

17. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.(UIsaya 53:4)

18. Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya.

19. Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona.

20. Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.

21. Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.

22. Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.

23. Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 8