Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 8:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, akuhla entabeni apho, walandelwa ngabantu abaninzi.

2. Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.

3. Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe.

4. Athi uYesu kuye, Lumka angaxeleli bani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze umnikelo awamisa wona uMoses, ube bubungqina kubo.

5. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu embongoza,

6. esithi, Nkosi, isicaka sam silele ngendlu, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokoyikekayo.

7. Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna.

8. Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam.

9. Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze.

10. Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.

11. Ndithi ke kuni, Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu.

12. Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

13. Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 8