Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 7:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;

8. kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.

9. Nguwuphi na umntu kuni ongáthi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?

10. Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka?

11. Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?

12. Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.

13. Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo.

14. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.

15. Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.

16. Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 7