Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 7:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?

17. Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.

18. Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle.

19. Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

20. Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.

21. Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.

22. Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na engameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi?

23. Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.

24. Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 7