Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 5:4-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.

5. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.

6. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.

7. Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.

8. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.

9. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.

10. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

11. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam.

12. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

13. Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu.

14. Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala;

15. kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini.

16. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.

17. Ningabi ndizé kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andizé kuchitha, ndizé kuzalisekisa.

18. Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.

19. Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu.

20. Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu.

21. Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wóthi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo.

22. Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw' ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.

23. Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe,

funda isahluko epheleleyo Umateyu 5