Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 5:31-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana.

32. Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza.

33. Kanjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi buxoki; wakuthi uzifeze eNkosini izifungo zakho.

34. Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu, ngokuba yitrone kaThixo;

35. nokuba lihlabathi eli, ngokuba sisihlalo seenyawo zakhe; nokuba yiYerusalem, ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu.

36. Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe, nokuba lube mnyama.

37. Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; nguhayi, hayi. Okugqithe koko ke kuvela kokungendawo.

38. Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo.

39. Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso.

40. Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka.

41. Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini.

42. Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva.

43. Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.

44. Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;

45. ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.

46. Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Àbenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu?

47. Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Àbenjenjalo yini na nababuthi berhafu?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 5