Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 5:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe.

2. Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi,

3. Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

4. Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.

5. Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona.

6. Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.

7. Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona.

8. Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona.

9. Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.

10. Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo.

11. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam.

12. Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.

13. Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu.

14. Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala;

15. kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini.

16. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 5