Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 4:12-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.

13. Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;

14. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,

15. Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali,Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan,WaseGalili yeentlanga,

16. Abantu abo bàhleli ebumnyameniBabonè ukukhanya okukhulu;Nâbò bahleli ezweni nasethunzini lokufaBavelelwe kukukhanya.(UIsaya 9:1,2)

17. Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

18. Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.

19. Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.

20. Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.

21. Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.

22. Bawushiya kwaoko umkhombe noyise, bamlandela ke.

23. Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.

24. Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya,* babazìsa kuye bonke abafayo, bebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesathuthwane, nabanedumbe, wabaphilisa ke.

25. Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela kwelaseGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 4