Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 3:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isandá sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.

13. Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye.

14. Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, ùza kum na wena?

15. Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela.

16. Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini; asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe.

17. Nâlo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 3