Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, kuthi ngaloo mihla kufike uYohane umbhaptizi, ememeza entlango yelakwaYuda,

2. esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.

3. Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi,Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Yilungiseni indlela yeNkosi,Wutyenenezeni umendo wayo.(UIsaya 40:3)

4. Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle.

5. Babephuma oko besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan.

6. Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.

7. Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

8. Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningabi nithi phakathi kwenu,

funda isahluko epheleleyo Umateyu 3