Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 28:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye.

10. Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.

11. Bakubon' ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo.

12. Bathe bona, bakùhlanganisana namadoda amakhulu, bakùbhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo,

13. besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele.

14. Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina.

15. Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.

16. Bahamba ke abafundi abalishumi elinamnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu.

17. Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.

18. Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.

19. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;

20. nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 28