Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 28:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba.

2. Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo.

3. Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu.

4. Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo.

5. Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni.

6. Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi.

7. Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 28