Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 27:63-66 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

63. besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka.

64. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambé, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.

65. Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako.

66. Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 27