Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 27:36-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Ahlala phantsi, amlinda khona apho.

37. Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, LO NGUYESU UKUMKANI WAMAYUDA.

38. Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.

39. Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo,

40. besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni.

41. Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi,

42. Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba únguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni;

43. sokholwa nguye; ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.

44. Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.

45. Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 27