Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 27:35-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.(INdum 22:18)

36. Ahlala phantsi, amlinda khona apho.

37. Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, LO NGUYESU UKUMKANI WAMAYUDA.

38. Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.

39. Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo,

40. besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 27