Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:8-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?

9. Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.

10. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle.

11. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam.

12. Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam.

13. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

14. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,

15. wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu.

16. Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.

17. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?

18. Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam.

19. Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.

20. Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini.

21. Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha.

22. Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26