Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:63-75 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

63. Wahlala yena uYesu wathi tu.Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu,* unyana kaThixo.

64. Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.

65. Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Únyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?

66. Baphendula ke bona bathi, Únetyala lokuba afe.

67. Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza, besithi,

68. Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?

69. Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.

70. Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo.

71. Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.

72. Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu.

73. Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.

74. Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku.

75. Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26