Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:55-62 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

55. Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba.

56. Oku ke konke kwenzeké, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka.

57. Abo ke bambambáyo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu.

58. Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo.

59. Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;

60. nangona afikáyo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini, athi, Lo wathi,

61. Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.

62. Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26