Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:39-54 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.

40. Úyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?

41. Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

42. Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.

43. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.

44. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.

45. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.

46. Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.

47. Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.

48. Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni.

49. Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi!*

50. Wamanga nokumanga. Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na?Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba.

51. Wesuka omnye wabo babenoYesu, wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.

52. Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.

53. Ùba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?

54. Bezingáthini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26