Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:35-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.

36. Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.

37. Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu.

38. Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam.

39. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.

40. Úyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?

41. Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

42. Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.

43. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.

44. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.

45. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.

46. Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.

47. Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26