Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;

4. babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.

5. Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.

6. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,

7. kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile,* linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni.

8. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?

9. Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.

10. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26