Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:25-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi?* Athi yena kuye, Uselutshilo nawe.

26. Bakubon' ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.

27. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;

28. kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.

29. Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo.

30. Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

31. Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa,Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi.(UZek. 13:7)

32. Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili.

33. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.

34. Wathi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkulu, ùya kundikhanyela kathathu.

35. Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26