Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:16-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.

17. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?

18. Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam.

19. Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.

20. Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini.

21. Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha.

22. Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi?

23. Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha.

24. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.

25. Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi?* Athi yena kuye, Uselutshilo nawe.

26. Bakubon' ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.

27. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;

28. kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.

29. Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo.

30. Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

31. Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa,Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi.(UZek. 13:7)

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26