Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 26:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,

2. Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,* aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.

3. Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;

4. babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.

5. Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.

6. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,

7. kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile,* linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni.

8. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?

9. Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.

10. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle.

11. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam.

12. Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam.

13. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

14. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,

15. wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu.

16. Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.

17. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?

funda isahluko epheleleyo Umateyu 26