Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 25:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke kaloku, akubon' ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.

6. Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.

7. Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.

8. Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima.

9. Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele.

10. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.

11. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele.

12. Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 25