Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 25:39-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Sákubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?

40. Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.

41. Úya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe.

42. Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini;

43. ndandizé, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela.

44. Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sákubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uzé, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela?

45. Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.

46. Baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 25