Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 25:23-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

24. Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubùthe apho ungelelanga khona;

25. ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho.

26. Yaphendula ke inkosi yakhe yathi kuye, Mkhonzindini ukhohlakeleyo, ulivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndibùthe apho ndingelelanga khona,

27. ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala.

28. Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi.

29. Kuba wonke umntu onako uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

30. Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

31. Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;

32. zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;

33. athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.

34. Úya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;

35. kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;

36. ndandizé, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.

37. Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sákubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?

38. Sákubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uzé, sakwambesa?

39. Sákubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?

40. Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 25