Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 25:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini.

18. Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe.

19. Ithi ke emveni kwexesha elikhulu, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo.

20. Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo.

21. Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

22. Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo.

23. Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

24. Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubùthe apho ungelelanga khona;

25. ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 25