Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 25:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.

11. Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele.

12. Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.

13. Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.

14. Kuba kunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe.

15. Wathi omnye wamnika iitalente* zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye, walowo wanikwa ngokwawakhe amandla; wahambela kwelinye kwaoko.

16. Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente.

17. Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini.

18. Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 25