Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 24:6-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.

7. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.

8. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.

9. Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.

10. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane.

11. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.

12. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.

13. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.

14. Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.

15. Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso,* ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe),

16. ngelo xesha mabathi abakwelakwa Yuda basabele ezintabeni.

17. Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe;

18. nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe.

19. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!

20. Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 24