Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 24:46-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

46. Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.

47. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.

48. Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele,

49. ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo,

50. iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo,

51. imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 24