Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 24:43-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe.

44. Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

45. Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?

46. Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.

47. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 24