Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 24:34-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.

35. Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula.

36. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; àzazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa.

37. Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu.

38. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa,

39. bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.

40. Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.

41. Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe.

42. Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu.

43. Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe.

44. Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.

45. Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?

46. Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.

47. Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.

48. Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele,

49. ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo,

50. iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo,

51. imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 24