Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 24:19-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!

20. Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha.

21. Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.

22. Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.

23. Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa.

24. Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo.

25. Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili.

26. Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa.

27. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.

28. Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.

29. Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe.

30. Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.

31. Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omané omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.

32. Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo.

33. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 24