Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 24:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.

12. Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.

13. Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.

14. Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.

15. Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso,* ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe),

16. ngelo xesha mabathi abakwelakwa Yuda basabele ezintabeni.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 24