Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 24:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile.

2. Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

3. Ke kaloku, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; úya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?

4. Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu.

5. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,* balahlekise into eninzi.

6. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.

7. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 24