Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 23:26-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako.

27. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke.

28. Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho.

29. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa,

30. nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti.

31. Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo bábulala abaprofeti.

32. Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo.

33. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?

34. Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi;

35. ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo.

36. Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 23