Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 22:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile.

9. Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.

10. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.

11. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.

12. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho?

13. Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

14. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.

15. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 22