Testamente Endala

Testamente Entsha

Umateyu 22:30-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.

31. Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,

32. Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.

33. Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.

34. Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubéthe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.

35. Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,

36. Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?

37. Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.

38. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.

39. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

funda isahluko epheleleyo Umateyu 22